
WASINDA CEBETSHU
UJACOB ZUMA
WE-ANC NDIFUNA
UKUMBULALA

U
 kuba alizange lityhwatyhwe ilungu leNdlu yoWiso-mthetho yakwazuluNatal (igama lalo likwabeBONA), kwakuza kubakho impalalo-gazi engazange yabakho eMzantsi-Afrika, ingakumbi kwiphondo lakwazulu-Natal
Ngaloo mini ngo-1994, kanye emva konyulo lwedemokhrasi, upatrick Hlongwane wayenyuka esihla ngokukhululekileyo kwizakhiwo zepalamente Ofundi, exhobe ngemipu emithathu - emibini isesinqeni omnye ewubophelele eqatheni. Le ndoda eyayinolangazelelo yayizimisele ukumcim igama usihlalo weANC nowayesakuba yintloko yecandelo Ieentloli kwiANC, uJacob Zuma.
UHlongwane wayezazi kwaye eziqonda iziphumo ezibi zento owayezimisele ukuyenza. Wayesazi ukuba xa uZuma enokubulawa Olundi kwakuza kuqhambuka uclushe olwaluya kunwenwa kwilizwe loMzantsi-Afrika liphela.
Ndandifuna ukohlwaya iANC, utshilo uHlongwane. Ndandifuna nayo ive intlungu yokushiywa ziinkokeli zilandelelana, nanjengoko kwakusenzeka kwinkokeli yam ye-IFP, uGqr. Mangosuthu Buthelezi.
UHlongwane ubalise indlela amlandela ngayo uJacob Zuma owayengarhaneli nganto ukuya kwindlu


UmbuIaIi ongenalusini, uPatrick Y Hlongwane.
Ukungenelela ngethuba kwelungu eliphezulu lenkatha Freedom Party nokuqaphela koonogada bakhe kwamsindisa ekugetyengweni uJacob Zuma. Kubalisa
uSIBONGILE RADEBE noWILLIE BOKALA. Kufote uLiEZEL HANNEMANN.



Ingangalala engusihlalo weANC, uMnu. Jacob Zuma. UHlongwane wazama ukumbulala wabuya nelize. Okunye naye yinkosikazi yakhe, uGqr. Nkosazana Zuma (ekunene).

yangasese ngexesha lekhefu lasepalamente Ofundi.
Ndaqonda ukuba andinakumphosa akungena endlwini yangasese. Njengoko ndandinemipu emithathu kum ndandiqinisekile ukuba ndiza kumbulala, ndize ndizikhusele ngokudubula xa ndiphuma. Kodwa loo ndoda (egama ligciniweyo) eyayisazi ngelo yelenqe
yandicenga ukuba ndingaqhubeki nalo.
Loo ndoda yayisandul
ukuphuma kwindlu yangasese kwaye yayisazi ngokwakuza kwenzeka. Ndandingazi mna ukuba sele bekhona
oonogada ababini bakaZuma abangaphakathi, lo gama abanye babehamba naye ukuya kungena. Ngokucacileyo ndandiza kubulala nam ndibulawe apho. Kodwa uZuma makabulele ilungu le-IFP kuba mna ndandingakhathali nokuba ndingabulawelwa apho ingakumbi xa sendimbulele, utshilo uHlongwane enemincili, entanywa kukubhitya kwakhe ukuba uneAids.
UHlongwane uchaze ukuba wayekwathunywe nokuba abulale uDumisani Makhaye, osisithethi seANC Kwazulu-Natal, noMphathiswa wezoThutho wakwaZulu-Natal, uSbu Ndebele.

.
Ndiyayicokisa into endiyenzayo utsho uNOXOLO
GROOTBOOM



Ekugqibeleni Iivelile ibholo! Umsasazi weendaba kuSimunye weSABC, uNoxolo Grootboom, waqhwesha kowabo eGcuwa eTranskei engumntwana, kwaza ukuzimisela kwakhe nakwintoni na ayenzayo kwamnika udumo.

kubalisa uWILLIE BOKALA kufote uPETEA WHITFIELD noLUCKY NXUMALO
imake-up yenziwe nguDEBS SEBOGODI
into nganye ayenzayo uNoxolo Grootboom akayenzi ingapheleli enoba uphangele, ucoca emzini wakhe okanye ukhulisa abantwana bakhe.
Lo msasazi weendaba odumileyo kuSimunye weSABC uthi xa enokuqeshwa ukuba atshayele esitratweni angacokisisa kangangokuba angasethubeni lokunyuselwa abe ngumtshayeti oyintloko ngexesha elingephi.
Uluhlobo olunjalo lomntu. Phofu ke, ukuzimisela nokucokisa yinto esegazini kuye, ingqondo yakhe isoloko ilungele naluphi na ucelomngeni olutsha. Uqale ukusebenza njengonobhala esikolweni
samaRoma eAuckland Park, usuke apho waya kwiSABC njengomchwethezi, yaba kukunyuka kwakhe oko ukuze abe kule ndawo akuyo namhlanje.
Ukukhuthala kukaNoxolo kwamenza wangabi nako ukuchwetheza imini yonke. Abaphathi bakhe babona ukuba uzimisele, wanyuselwa wayiProduction-Secretary, waza wayintatheli encinane, emva koko wangumvelisi omncinane, waza




UNoxolo ulichitha ixesha lakhe xa engekho kwISABC ekhathalela uNokwanda ongumntwana  wakhe oyintombi one-16 Ieenyanga.
Ndiyayicokisa into endiyenzayo utshilouNOXOLO
GROOTBOOIII
IINKCUKACHA ZAKHE
AMAGAMA AKHE: Noxolo Lorrain Grootboom IFANI YAKOWABO: Jebese UMHLA WOKUZALWA: 8 Oktobha 1960 INKWENKWEZI AKHE: Libra INDAWO AZALELWE KUYO:
Transkei
AKUTHANDAYO: Ukubukela imidlalo yeqonga ukuphulaphula icountry music.


20 BONA XHOSA - April 1 997

iingxaki ekhaya. Abazali bam bahlukana, yaye kukwahlukana kwabo okwandizisa eJohannesburg.
Umama weza apha ejohannesburg. Ndiyacinga ukuba wayefuna ukuba kude nekhaya kangangoko kunokwenzeka. Kodwa sasingazi ukuba uhlala phi ejohannesburg.
Njengoko uNoxolo wayengoyena umdala kubantwana abane kwakufuneka akhathalele abanakwabo ababini. Weva ukuba unina uhlala eDube, wasebenzisa amaqabane akhe asesikolweni ukuba amfune eSoweto.
Ngenye imini umhlobo wam wafika emva kweeholide zesikolo awayezichithe eSoweto ephethe idilesi kamama. Ndaqala apho ke ukuncokola naye emva kwethuba elide, ndaqala nokuceba ukuqhwesha ekhaya.
Kuba sasivana nabantakwethu kwakungekho ndlela yakubashiya. Njengoko benditshilo babebancinane besafunda, ngoko ndagqiba ekubeni ndihambe nabo.
lBethal College awayefunda kuyo uNoxolo eGcuwa sisikolo esiphethwe ngamakrestu esasimfundise ukuba amoyike uThixo.
Ndandikoyika ukuxoka, endaweni yoko kwakufuneka ndibe nesibindi
sokuya kuthetha nabadala besikolo ndibaxelele ngento endiyicebayo. Ndandithandaza mihla le nabo bendincedisa.
Kuthe yakufika imini, uNoxolo nabantakwabo ababini bemka eGcuwa bekhwele iteksi, wakhohlisa amagosa omda ukuze awele kwiKei Bridge engayiphathanga ipaspoti, wakhwela uloliwe osinge eJohannesburg.
Andizisoli ngokwenjenjalo, utsho uNoxolo. Ndiyacinga ukuba linyathelo elihle endalithabathayo. Ndiyathandaza kwaye ndiyathemba ukuba utata uya kuzama ukundixolela ngokwenjenjalo.
Ekugqibeleni kwaba kuhle kuthi sonke. Ndiyathemba ukuba utata uyaqonda ukuba andizange ndifake ubomi bethu enkathazweni.
AbanakwaboNoxolo bapasa bobabini bayasebenza ngoku. Omdala utshatile.
Kodwa uNoxolo uthi ubomi babungelula kuqala. Bamfumana unina
kodwa wayengenamzi, babeqeshe komnye umzi eSoweto.
Kwakunzima, ukhumbula oko uNoxolo.
Umama wayengaphangeli. Wayejamelene nemeko apho kwakufuneka aqale ekuqaleni efuna umsebenzi.
Okuhle kukuba sasebenzisana sonke ukuzakha ukuze sibe kule ndawo sikuyo. Ngethamsanqa umama akangomntu othanda yonkinto ephandl apha. Kwakungekho nto ayicekisayo. Ekugqibeleni wakwazi ukusifumanela indlu enamagumbi amane eDobsonville, sonwaba.
Ethetha ngobomi bakhe, uNoxolo udiza ukuba wancama konke awayekunqwenela esengumntwana ukuze asebenze ancedise unina akhulise afundise nabanakwabo ababini.
Mna ndandinqwenela ukufunda ndibe ngugqirha okanye igqwetha.
Kodwa oku kusincedile. Ngenxa yako sibe lusapho olumanyeneyo kangangokuba akukho nto inokusiphazamisa. Umama ufana nomhlobo wam.
Ngoku uNoxolo uyawuthanda umsebenzi wakhe eSABC apho aqeshwe ngokusisigxina njengombhali weendaba kwanomfundi weendaba ngamathub athile.
Ngoku utshate noMashwabada Grootboom banabantwana abathathu uZwetakhe (one-15) uBhungane (one-12) noNokwanda (oneenyanga ezi-16)
- uthe xa engekho eSABC uchitha ixesha lakhe ekhathalele umntwana wakhe omncinci. Ukhathalela ezomzi wakhe, ecoca, ephekela nosapho. 



16 BONA XHOSA - April 1 997

1 8 BONA XHOSA - April 1 997

